
BONA XHOSA - Ju1y 1995 35



ePitoli.
UPele ongumdlali webhola omdala noyena ubalaseleyo owenza iBrazil yaphumelela indebe yehlabathi ngo 1958 nango 1970 kwaye wafaka ngaphezu kwamanqaku ali-1200 esadlala.
Namhlanje unguMphathiswo wezeMidlalo eBrazil kwaye wonyulwa nguMongameli Fernando Henrique Cardoso emva kokuba enze iSebe leMidlalo okokuqala eBrazil.
Kutyelelo lwakhe kweli ubenobubele yaye ekhuthaza xa ekudliwano-ndlebe okanye echazela umdlali osakhulayo into ethile.
Kumonwabise kakhulu ukubonana noMongameli Mandela nomhlobo wakhe wakudala uJomo Sono nabanye abadlali abaphambili kweli abanjengo Marks Maponyane.
Ubhengeze ukuba iqela lebhola lelizwe laseBrazil linokutyelela kweli loMzantsi-Afrika kunyaka ozayo kwaye kuza kwenziwa amalungiselelo okutshintshana ngabadlali nabaqeqeshi ukuncedisa kwiinkqubo
zokuphucula umdlalo webhol'ekhatywayo kweli.
UMzantsi-Afrika unabadlali abanesiphiwo nabangamachule. IAfrika iphela inabadlali abaneziphiwo. Eneneni, iziphiwo zabadlali baseAfrika ziyafana nezabadlali baseBrazil. Ndityelele eMelika nasejapan kodwa endikuqapheleyo kukuba abadlali baseAfrika banobuchule bendalo ebholeni.
Into efunekayo kubo kukuqeqeshwa nokulungiswa ngendlela eyiyo. Banazo zonke iziphiwo ezifunekayo kulo mdlalo, utshilo.
Ngaba ubona ngathi uya kuze abekho omnye uPele?
Akanakubakho, kaloku umama notata bayeka ukuzala. Lilonke asoze abekho omnye uPele.
UPele walifumana eli gama ekukhuleni kwakhe esayidlala esitratweni ibhola ekhatywayo. Akayazi eyona nto ithethwa leli gama kodwa walamkela ekukhuleni kwakhe ngenxa yokuba wonk'umntu wayembiza ngalo nangona wayebaxelela ukuba unguEdson.
Abanye abantu abakakwazi
ukundibiza ngoMphathiswa do Nascimento. Andazi ukuba baya kuqala nini ukundibiza kanjalo. Kucacile ukuba ndiza kuhlala ndibizwa ngoPele.
Uphoxeke kakhulu kukuna kwemvula okwenze akabi nako ukufundisa abadlali abaselula ibhola ekhatywayo.
lzifundo zebhola ebemele azenze eOrlando Stadium aziphumelelanga kwaye naye akakhange adlale emdlalweni we-Masters obuza kubaseFNB nobuza kugabulela izigcawu umdlalo weAfrika Champions Cup obuphakathi kweOrlando Pirates neEleven Men In Flight yaseSwazini.
Ubeza kudlalela neqela ebeliza kudlala nelikhokelwa nguJomo Sono kodwa awukhange udlalwe ngenxa yezantyala-ntyala zemvula.
Nangona kunjalo, uyile eOrlando Stadium apho abonane namakhwenkwe aseEsselen Park, awaseOrlando and Bosmond Development Centre nawase Johannesburg College of Education Super Centre. Nangona imvula ibisina la makhwenkwe achulumancile kukubonana nekumkani yebhol'ekhatywayo.






UKHUPHISWANO IweCoca-Cola
Cup lolunye lokhuphiswano
oluthandwayo olungenelwa
ngamaqela eNational Soccer
League nangona luseneminyaka
emine luqhutywa.
Onke amaqela ali-18 kwifirst
division yeNSL ayalungenela olu
khuphiswano yaye onke athi ajonge kwifayinali. Kodwa eyona nto simele siyiqonde kukuba olu khuphiswano lubonise wonk'umntu ukuba kufuneka iqela lizimisele yaye lisebenze nzima ukuze ufikelela kwifayinali.
Lusibonisile ukuba akufikeleli
amaqela amakhulu okanye
amaqela athandwayo kwifayinali.
Kwiminyaka edlulileyo kuphumelele amaqela angaziwayo kulo, onke amaqela amakhulu asazama ukuyizuza nawo le ndebe.
Nazi zeefayinali zeminyaka yangaphambili: Amazulu abetha iChiefs ngo-3-1 ngo-1992; Umtata Bucks wabetha iLightbodys Santos (eyayidla kwifirst division ngoko) ngo-3-1 ngo-1993 kanti iQwa Qwa Stars ibethe iHellenic ngo-3-2 nyakenye.
AbakwoCoca-Cola bayinyusile imali abaxhasa ngayo olu khuphiswano yayi-R1,1 yesigidi, kanti ama-70 ekhulwini iza kuba yimali yamabhaso azuzwa ngamaqela. Onke amaqela adlala kwifirst division yeNSL aza kuzuza amabhaso.
Babhengeze nokuba baza kuqhubeka nokuxhasa olu khuphiswano ngemali eminye inyaka emithathu.
Uya kuthi ulifunda eli nqaku, maqela amaninzi abe sekhutshiwe olu khuphiswano, sekusele amaqela amane aza kudlala iisemifayinali. Zizo ke eziya kukhupha amaqela amabili aza kudlala kwifayinali. Iqela eligqwesilelo kolu khuphiswano liza kuzuza intywenka ye R185 000, kanti elibethwe kwifayinali liza kuthuthuzelwa nge R100 000.
AbakwaCoca-Cola yenye yeenkampani ezinexesha elide zixhasa ibhola eMzantsi-Afrika njengoko sisazi ukuba bebexhasa imidlalo yeUnder 16 neUnder 17, ngoku ixhasa olunye ukhuphiswano olukhulu lwamaqela efirst division, utshilo uSihlalo weNSL, uLeepile 	Taunyane.
Ndiyathemba uza kuxhoma umgangatho webhola kwifayinali nokuba kudlala awaphi na amaqela.




38 BONA XHOSA JULY 1995


Icwecwe elitsha LikaMBONGENI NGEMA elithi The Best Of MAXDS -Tusk Music libubungqina bempumelelo yale mvumi.
Ngaphezu koko, kweli cwecwe ucula neemvumi eziphambili zeqela labadlali bemidlalo yakhe yeqonga ezinjengoDavid Manqele, uSonto Khumalo, uFuthi Mhlongo, uVelile Mchunu, uMvuselelo noThandi Vilakazi.
Iingoma endibhekiselele kuzo zezithi Rolihlahla Mandela, ethi Give Us Power, ethi Sabela ethi Lords Prayer ethi Asinamali ethi Dream of Freedom, ethi Sarafina ethi Mtubatuba nethi Tshwanang Le Yena.

Icwecwe elitsha likaRebecca Malope elithi Shwele Baba L 4 560 -CCP Records liyabonisa
ukuba uyakhonya kumculo wokholo kuMazantsi eAfrika, ukwabonisile ukuthi uyimvumikazi ephambili uwongwe ngecoca Cola Music Award ngexesha elinye nokuphuma kwecwecwe lakhe.
UShwele Baba lelona
cwecwe limnandi kumacwecwe akhe omculo wokholo yaye wombelelwa ziimvurni ezinesiphiwo kulo kanti liprodyuswe ziingcali emculweni ezinjengoSizwe Zako, uJabu Nkabinde noVuyo Mokoena.
Ingoma ephambili
Ngegazi Lemvana, ethi Nginikela Kuwe, ethi Thank You, ethi Madi A Hae nethi Ngizifihla Kuwe zezinye
zeengoma ofanele uzithande.
Icwecwe elithi Murder Love leSNOW ATCD  Tusk Music libonisa ubuchule bale mvumi njengoko idibanise idisko nereggae ngumculo werap.
Isimbo esihle sika Snow sokucula siza kukwenza ukhawuleze uyithande ingoma ethi Rivertown nangona usengazithandaezinjengale ethi Si Wi Dem Nuh Know We nethi Bad Men.










3(i 1ONA XHOSA - Juh 1995

38 BONA XHOSA - Juh. 1995

		BONA XHOSA - July 1995 39

